Ilungisa nomoni
1 Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw’ abagwenxa,
ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt’ ongadlelaniyo nabaphoxisayo.
2 Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,
ayetyise emini nasebusuku.
3 Unjengomth’ otyalwe ngasemijelweni yamanzi,
umth’ ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,
umth’ omagqabi angasoz’ abune.
Ewe, konk’ akwenzayo umnt’ onjalo kuyaphumelela.
4 Àbanjalo kambe bona abantw’ abagwenxa;
bona banjengomquq’ ophetshethwa ngumoya.
5 Ngenxa yoko aboni abanako ukujongana nenkundla,
koko bona baya kugxothwa embizweni yamalungisa.
6 Kaloku uNdikhoyo uyalusile indlela yamalungisa;
ke indlela yabakhohlakeleyo iya kudaka.