IINDUMISO 1

Ilungisa nomoni

1 Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw’ abagwenxa,

ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,

umnt’ ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2 Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,

ayetyise emini nasebusuku.

3 Unjengomth’ otyalwe ngasemijelweni yamanzi,

umth’ ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,

umth’ omagqabi angasoz’ abune.

Ewe, konk’ akwenzayo umnt’ onjalo kuyaphumelela.

4 Àbanjalo kambe bona abantw’ abagwenxa;

bona banjengomquq’ ophetshethwa ngumoya.

5 Ngenxa yoko aboni abanako ukujongana nenkundla,

koko bona baya kugxothwa embizweni yamalungisa.

6 Kaloku uNdikhoyo uyalusile indlela yamalungisa;

ke indlela yabakhohlakeleyo iya kudaka.