Izibele zikaNdikhoyo kubantu bakhe
Iculo; umhobe kaDavide.
1 Mbongen’ *uNdikhoyo!
Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.
2 Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo;
ingubani onokumbonga ngokufezekileyo?
3 Hay’ uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe;
nditheth’ abo bahlala besenza okulungileyo.
4 Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel’ abantu bakho;
ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.
5 Nam maze ndiyibon’ inkqubela yabanyulwa bakho,
ndize ndivuye kunye nabantu bakho,
ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.
6 Nathi sone njengookhokho,
sikwenzile ukungcola nobubi.
7 Xa babeseJiputa oomawokhulu
zange bazinanze izenzo zakhw’ ezidumileyo;
bazilibala izibele zakho,
basuka bamvukel’ uPhezukonke kuLwandl’ oluBomvu.
8 Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,
khon’ ukuze bawaqonde amandla akhe.
9 Wawis’ izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;
wabaweza kuloo nzonzobila,
banga bahamb’ enkangala.
10 Wenjenjal’ ukubakhulula esandleni sotshaba;
wabahlangula kubabandezeli babo.
11 Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,
akwasinda namnye kuzo.
12 Bandul’ ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,
baza badomboza betyibela ngemibongo.
13 Kwakamsinya bazilibala izintw’ abenzele zona,
benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.
14 Entlango bangenwa kukubawa,
baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.
15 Wabenzela izicelo zabo,
kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.
16 Bammonela uMosis apho entlango,
nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.
17 Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,
wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.
18 Kwagqabhuk’ umlilo phakathi kwabo,
awabhuq’ onk’ amatshijolo amalangatye.
19 Babumba ithole eHorebhe,
baza banqula kwaloo mfanekiso bawenzileyo.
20 Ngale ndlela isihomo sikaThixo
basinika umfanekiso wenkomo, into edla utyani.
21 Bamfulathela uMsindisi wabo,
kanye lo wabenzela izinto ezintle eJiputa.
22 Hay’ ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;
hay’ ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl’ oluBomvu!
23 Yiyo ke loo nto athe nge-ebabhangisile uThixo
ukuba uMosis isicaka sakhe wayengabamelanga,
athibaz’ ingqumbo kaThixo bangatshabalali.
24 Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,
kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.
25 Babehlala ezintenteni bekrokra,
bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.
26 Wamis’ isibhozo efung’ esithi
wobayeka bafel’ aph’ enkangala,
27 ize inzala yab’ ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,
ibe ziintsalu apho kumazw’ asemzini.
28 Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,
batya nokutya kwamadini *ezithixo.
29 Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,
kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.
30 Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,
saza sathomalala isibetho eso.
31 Ngale nto ke wabalelwa kumalungisa,
wahlala ekhunjulwa izizukulwana ngezizukulwana.
32 Nangasemithonjeni yeMeribha bamqumbisa uNdikhoyo,
waba sengxakini uMosis ngenxa yabo.
33 Bamcaphukisa uMosis
ngangokuba wada wathetha amazwi angemahle konke.
34 Abazange bazitshabalalise iintlanga
njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo.
35 Basuka bendiselana nazo,
bafunda namasiko azo.
36 Banqula izithixo abantu bakaThixo,
nto leyo ke yaba ngumgibe wabo.
37 Babinga oonyana neentombi zabo,
besenzela iindimoni amadini.
38 Baliphalaz’ igaz’ elingenatyala,
nditheth’ eloonyana neentombi zabo
ababebanikela kwizithixo zaseKanana;
labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.
39 Benjenjalo ke ukuzixabhela;
benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.
40 UNdikhoyo wavutha ngumsindo,
waza wabacaphukela abantu bakhe.
41 Wabayekela ezandleni zeentlanga,
baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.
42 Zababandezel’ iintshaba,
bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.
43 Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,
kodwa bakhetha ukungamva,
beyela zwabha esonweni;
44 Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,
wabeva bakuzibika kuye;
45 wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,
waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,
46 wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.
47 Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,
siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,
silibonge igama lakho elingcwele.
48 Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli
kususela ngoku kude kube nini-nini!
Bonk’ abantu mabathi: “Huntshu!”
Mawubongwe wena, Ndikhoyo.