UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe
Umhobe kaDavide.
1 *UNdikhoyo wathi enkosini yam ukumkani:
“Hlala ngakum kweli wonga,
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”
2 Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon.
Ke wena zilawule iintshaba zakho.
3 Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,
evethe eziyokoyoko zoloyiso,
mhla wagagana notshaba lwakho.
Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.
4 UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:
“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki
oya kuhlala ehleli.”
5 Ke yona iNkosi ingakuwe;
mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.
6 Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,
zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;
ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.
7 Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;
ngako ke aqingqe ethwel’ indwe.