IINDUMISO 110

UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe

Umhobe kaDavide.

1 *UNdikhoyo wathi enkosini yam ukumkani:

“Hlala ngakum kweli wonga,

lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”

2 Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon.

Ke wena zilawule iintshaba zakho.

3 Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,

evethe eziyokoyoko zoloyiso,

mhla wagagana notshaba lwakho.

Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.

4 UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:

“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki

oya kuhlala ehleli.”

5 Ke yona iNkosi ingakuwe;

mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.

6 Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,

zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;

ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.

7 Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;

ngako ke aqingqe ethwel’ indwe.