IINDUMISO 113

Ukuncoma ubulungisa bukaNdikhoyo

1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Ewe, mbongen’ *uNdikhoyo, zicaka zakhe;

khanityibele nibong’ igama likaNdikhoyo.

2 Ewe, lelokubongwa lidunyiswe igama likaNdikhoyo,

kusukela kalokunje kude kube nini-nini.

3 Kusukela empuma kude kuye entshonalanga

uNdikhoyo makabe ngokhahlelwayo.

4 UNdikhoyo ungaphaya, uzivelele zonk’ izizwe;

isihomo sakhe siwakrobel’ amazulu.

5 Yaz’ba singamfanisa nabani n’ uNdikhoyo uThixo wethu,

umahlal’ emalandalahla kweliphezulu?

6 Ngumagob’ umnqonqo alengetyeke,

eqwalasel’ amazulu nehlabathi.

7 Amahlwempu uyawaphakamisa, awavuthulul’ uthuli;

ewe, nabagqub’ eluthuthwini uyabaphakamisa.

8 Batsho bangqendeve ndawonye namatshawe;

ewe, babe matwa namatshawe abantu bakhe.

9 Nomfazi ongaphathiyo umzimasa ngomzi,

atsho abe ngunobantwana onemincili.

Huntshu-u-u!

Bayethe, Mhlekazi!