IINDUMISO 114

Umhobe *wePasika

1 Ke kaloku ekuphumeni kwamaSirayeli eJiputa,

ewe, ekundulukeni kwendlu kaYakobi kwelasemzini,

2 uJuda waba libango *likaNdikhoyo,

ke yena uSirayeli waba luhlanga lwakhe.

3 Luthe lungabona lwaswantsula ulwandle;

kanti ke yona iJordan suka yahlehla.

4 Iintaba zadloba, zaxel’ amankonyana;

ke zona iinduli zataka-taka, zaxel’ amatakane.

5 Lwandle, ngani ukuba ubaleke?

Jordan, ngani uhlehl’ umva nje?

6 Ngani ukuba zidlob’ okwamankonyana iintaba?

Kungan’ ukub’ iinduli zitaka-take okwamatakane?

7 Ewe, hlabathi, khawurhwaqele, uyeza uNdikhoyo;

rhwaqela phambi koThixo kaYakobi,

8 umajik’ ulwalwa luntywil’ emanzini,

inyengan’ impompoz’ umthombo.