IINDUMISO 115

UThixo okukuphela kwakhe

1 Hayi bo! Mayingabi sithi, *Ndikhoyo;

ewe, makudunyiswe igama lakho,

ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!

2 Ngani ukuba iintlanga zide zithi:

“Uphi na lo Thixo wabo kakade?”

3 UThixo wethu usemazulwini;

yena wenza loo nto ayithandayo.

4 Kanti ke *izithixo zabo ziyisiliva negolide;

bazenza ngezandla ngokwabo.

5 Ewe, zinemilomo nje, azithethi;

zinawo amehlo, kodwa ziimfama.

6 Nakuba zineendlebe, aziva kodwa;

zineempumlo, kodwa azikwazi ukusezela.

7 Ewe, zinezandla ezifileyo;

zineenyawo, kodwa azikwazi ukuhamba;

imiqala yazo ayikwazi kwenza sandi.

8 Ew’, abenzi bazo bofana nazo,

bekwanjalo nabo bonke abaqamela ngazo.

9 Ke wena, Sirayeli, kholosa ngoNdikhoyo!

Uluncedo nomkhuseli wakho.

10 Nani, ndlu ka-Aron,

kholosani ngoNdikhoyo!

Uluncedo nomkhuseli wenu.

11 Nabo bonke abamthobelayo uNdikhoyo mabakholose ngaye!

Uluncedo nomkhuseli wabo.

12 UNdikhoyo wosithamsanqelisa, kuba uyasazelelela;

uya kuyithamsanqela indlu kaSirayeli,

ayithamsanqele indlu ka-Aron.

13 Bothamsanqeleka abamthobelayo uNdikhoyo;

ewe, nditsho abancinci kwanabakhulu.

14 Ngamana wanandisa uNdikhoyo,

nina kunye nezizukulwana zenu.

15 Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyo

ongumenzi wamazulu nehlabathi.

16 Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;

ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.

17 Abafileyo abamdumisi uNdikhoyo,

bengacingi nâbo behlela kwelabathe cwaka.

18 Kambe ke thina somdumisa uNdikhoyo

kusukela ngoku kude kuse ephakadeni.

Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”