Osindisiweyo ekufeni ubonga uThixo
1 *UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;
uyasabela ndakuzibika kuye.
2 Njengoko endiphulaphula nje,
ndobhenela kuye xa ndisadl’ ubomi.
3 Izabatha zokufa zandibhijela,
izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;
latsho laxubayela ndangcungcutheka.
4 Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:
“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”
5 Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;
hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!
6 UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;
nam ndandingenamandla wandihlangula.
7 Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,
kuba uNdikhoyo undivelele.
8 UNdikhoyo undihlangule ekufeni;
yena undosule iinyembezi,
wandikhusela andakhubeka.
9 Kungoko ndihamba noNdikhoyo
kweli lizwe labaphilayo.
10 Ndancekelela, ndathemba,
nakuba ndandisithi sendivuthulukile.
11 Ekuncameni ndakhala ndathi:
“Abathembekanga kambe abantu.”
12 Yaz’ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyo
ngezibele ezingaka andenzele zona?
13 Ndothatha indebe yosindiso,
ndibize igama likaNdikhoyo.
14 Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;
ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.
15 Ayithandeki kambe kuNdikhoyo
into yokufa kwabantu bakhe.
16 Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho;
ewe, ndingunyana wesicakazana sakho;
ndilapha nje ndakhululwa nguwe.
17 Ndiya kukwenzela idini lombulelo;
ewe, ndobiza igama likaNdikhoyo.
18 Izithembiso zam ndozifezekisa kuye;
ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe,
19 enkundleni yendlu kaNdikhoyo,
kanye phakathi eJerusalem.
Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”