IINDUMISO 116

Osindisiweyo ekufeni ubonga uThixo

1 *UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;

uyasabela ndakuzibika kuye.

2 Njengoko endiphulaphula nje,

ndobhenela kuye xa ndisadl’ ubomi.

3 Izabatha zokufa zandibhijela,

izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;

latsho laxubayela ndangcungcutheka.

4 Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:

“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”

5 Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;

hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!

6 UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;

nam ndandingenamandla wandihlangula.

7 Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,

kuba uNdikhoyo undivelele.

8 UNdikhoyo undihlangule ekufeni;

yena undosule iinyembezi,

wandikhusela andakhubeka.

9 Kungoko ndihamba noNdikhoyo

kweli lizwe labaphilayo.

10 Ndancekelela, ndathemba,

nakuba ndandisithi sendivuthulukile.

11 Ekuncameni ndakhala ndathi:

“Abathembekanga kambe abantu.”

12 Yaz’ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyo

ngezibele ezingaka andenzele zona?

13 Ndothatha indebe yosindiso,

ndibize igama likaNdikhoyo.

14 Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;

ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.

15 Ayithandeki kambe kuNdikhoyo

into yokufa kwabantu bakhe.

16 Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho;

ewe, ndingunyana wesicakazana sakho;

ndilapha nje ndakhululwa nguwe.

17 Ndiya kukwenzela idini lombulelo;

ewe, ndobiza igama likaNdikhoyo.

18 Izithembiso zam ndozifezekisa kuye;

ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe,

19 enkundleni yendlu kaNdikhoyo,

kanye phakathi eJerusalem.

Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”