IINDUMISO 121

UNdikhoyo umalusi wethu

Iculo labahambi.

1 Amehlo am ndiwajongis’ enkalweni;

yaz’ba lovela ngaphi na uncedo lwam?

2 Umncedi wam *nguNdikhoyo,

yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

3 Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;

kaloku akozeli, walusa mna.

4 Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,

engalali nokulala oku.

5 Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –

nguye okwenzela umthunzi.

6 Emini ilanga aliyi kukugqatsa;

kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.

7 NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek’ umoya;

ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.

8 Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,

xa uhambayo naxa ubuyayo,

kuqalela ngoku kude kube nini-nini.