IINDUMISO 122

Izibongo zeJerusalem

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1 Hay’ imincili endaba nayo basakuthi kum:

“Masihambe siye endlwini *kaNdikhoyo.”

2 Naku ke ngoku iinyawo zethu zime bhuxe ngaphakathi kwamasango akho, Jerusalem.

3 Ke kaloku iJerusalem yingxikela yesixeko

esakhiwe sabandakanywa saba sinye.

4 Kulapho zityelela khona izizwe;

nditsho izizwe zikaNdikhoyo.

Kaloku lowo yaba ngummiselo kumaSirayeli

ukuba aye kudomboza abulele uNdikhoyo.

5 Apha kulapho zikhoyo iinkundla;

nditsho iinkundla zendlu kaDavide.

6 Thandazani kubekho inzolo eJerusalem, nithi:

“Makube yinkqubela kwabakuthandayo, Jerusalem;

7 kuwe makube chosi, kube hele,

ukhuseleke umzi wakho jikelele.”

8 Ngenxa yezihlobo nabalingane bam

nangoku ndithi: “Makube chosi, kube hele!”

9 Kanti ke nangenxa yendlu kaNdikhoyo uThixo wethu

ndiya kuzabalaza ndikufunela intlala-kahle.