Ukutarhuzisa
Iculo labahambi.
1 *Ndikhoyo, ndikhangela kuwe,
wena ohlala emazulwini.
2 Kaloku namaphakathi ajonga izinwe zenkosi yawo,
nanjengokuba namaphakathikazi elindele izinwe kwinkosazana.
Nathi ke senjenjalo ukukhangela kuwe, Ndikhoyo Thixo wethu,
ude wena usenzele inceba.
3 Awu, Ndikhoyo, sikwa yimfesane;
velana nathi, siyakubongoza!
Koda kube nini sisisigculelo?
4 Ewe, kudala sinyamezele, sigxijwa ngabazingcayo,
sidodotyaliswa ngabacinezeli abanekratshi.