Ukhuseleko lwemilowo yakwaThixo
Iculo labahambi.
1 Abo bakholosa *ngoNdikhoyo banjengentaba iZiyon,
yona ingasoze yashukunyiswa koko izinzile ngonaphakade.
2 Kwanjengokuba iintaba ziyingqongile iJerusalem
noNdikhoyo wenjenjalo ukubaphahla abantu bakhe,
nangoku kude kube ngunaphakade.
3 Izikhohlakali soze zilawule elizweni lamalungisa,
hleze namalungisa asuke enze ububi.
4 Awu, Ndikhoyo, walungiselele amalungisa,
abo bantliziyo zingaphambukiyo.
5 Kodwa ke bona abaphambukayo
babandakanye nezikhohlakali, Ndikhoyo.
Makube chosi, kube hele kwaSirayeli!