Ukuncoma izibele zikaNdikhoyo
Iculo likaSolmon; lelabahambi.
1 Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu,
bafumana bebulaleka abayakhayo.
Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,
ancam’ ubuthongo ngelize amajoni alindayo.
2 Ngamampunge ukuzabalaza uzam’ ukuzixhasa,
uvuka ngentseni, ulal’ ezinzulwini,
ungumaphila-kukuzenzela.
Kaloku uNdikhoyo uyabaxhasa abakhe;
ewe, yena ubaxhasa belele.
3 Uyabona ke, oonyana lilifa elivela kuNdikhoyo;
ngenene, abantwana sisipho esivela kuye.
4 Oonyana bendodana bafana neentolo
elixhobe ngazo ijoni.
5 Hay’ ukuzimaseka kwendoda enesiphampa sazo!
Ayisoze yadeleka mpela,
naxa ixambulisana neentshaba enkundleni.