Ukucela ukuhlangulwa
Iculo labahambi.
1 USirayeli makabalise athi:
“Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku.
2 Ewe, zanditshutshisa kwandiselula,
kodwa zange zindongamele.
3 Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa.
4 Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa;
undikhulule kwiimbophelelo zabakhohlakeleyo.”
5 Bonke abayithiyileyo iZiyon mababuye bephoxekile.
6 Mabafane nengca entshula phezu kwendlu,
yona idodobalayo ingakhuli.
7 Ayide isikwe nokusikwa;
futhi ayiqokelelwa ibe zizipha.
8 Nabadlulayo abatsho nokutsho ukuthi:
“UNdikhoyo makanithamsanqele;
thina siyanithamsanqelisa egameni likaNdikhoyo!”