Ukukhululwa esonweni
Iculo labahambi.
1 *Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
2 Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.
3 Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,
ngubani obengasindayo?
4 Kambe ke wena uyaxolela,
khon’ ukuze uhlonitshwe.
5 Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
6 Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,
ngaphezu komlindi ojonge ukusa,
nangaphezu komantshingilane ojong’ umsobomvu.
7 Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,
futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.
8 Ewe, yena uya kumkhulula uSirayeli
kuzo zonke izono zakhe.