Umhobe wendlu kaThixo
Iculo labahambi.
1 Awu, *Ndikhoyo, mkhumbule uDavide
ngawo onke amasuka-ndihlale akhe,
2 nesifungo awakwenzela sona, Ndikhoyo,
eso akuthembise ngaso, Ngangalala yakwaYakobi.
3 Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,
4 ngenene andisoze ndiwavale amehlo,
ndingasoze ndibuthurhe ubuthongo,
5 ndingamakhelanga umzi uNdikhoyo,
nditsho ikhaya lengangalala kaYakobi.”
6 Ewe, seva ngaloo mnqophiso e-Efrata,
sagagana nawo kumathafa aseYeharim, sathi:
7 “Masiye kuye ebhotwe;
masiye kumnqula simkhahlele.”
8 Ndikhoyo, khawuye endaweni yakho yokuphumla,
wena ndawonye netyesi yomnqophiso;
nditsho leyo ingumqondiso wamandla akho.
9 Ababingeleli mabavathe ubulungisa,
abantu bakho batsholoze ngovuyo.
10 Ngenxa yesicaka sakho uDavide
ungamfulatheli umthanjiswa wakho.
11 Kaloku, Ndikhoyo, wamenzela isifungo uDavide,
futhi ke soze usijike, usithi:
“Omnye koonyana besinqe sakho
ndiya kumthambisa abe ngukumkani,
angene esikhundleni sakho.
12 Ukuba ke bathe bawugcina
umnqophiso lo oonyana bakho,
kwanemimiselo endibafundisa yona,
noonyana babo bolawula,
bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”
13 Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;
uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:
14 “Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;
ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.
15 Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;
abahlelelekileyo ndiya kubondla.
16 Ababingeleli bovatha usindiso,
abantu bam batsholoze ngemihlali.
17 Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;
ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.
18 Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;
ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”