Isililo samaSirayeli ekuthinjweni
1 Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon.
2 Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho.
3 Kaloku abo babesithimbile suka bathi:
“Khanisonwabise ngengoma;
khanihlabele enye kwezaseZiyon.”
4 Besingathini kambe ukucula *ezikaNdikhoyo kwelasemzini!
5 Ukuba ndingakulibala, Jerusalem, sanga singashwabana isandla sam sokunene.
6 Malunamathele ezinkalakahleni ulwimi lwam, ukuba ndinokukulibala,
xa ndinokusuka ndingayibaluli iJerusalem njengeyona ntshinga yovuyo lwam.
7 Awu, Ndikhoyo, yikhumbule into eyênziwa ngamaEdom, mhla yahlaselwa iJerusalem.
Kaloku agcoloda athi: “Yidilizeni niyisiphule neengcambu.”
8 Athi ke wena, Bhabheli, sisulundini sentshabalalo!
Hayi inyhweba yalowo ukubuyekezayo ngazo zonke izinto osenze zona.
9 Unoyolo ozithathayo iintsana zakho azintlekeze emaweni.