Abakhohlakeleyo
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.
1 Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.
Zonakele, futhi zenza amasikizi;
akukho ulungisayo kuzo.
2 Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;
uhlel’ ezulwini efuna ukuqonda
ukuba ngaba sikho na isilumko,
nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3 Kambe ke bonke bemkile,
xa bebonke bonakele;
kuba akakho olungisayo,
nditsho nokuba abe mnye.
4 Abanangqondo na abakhohlakeleyo;
abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,
bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?
5 Baya kunkwantya benkwantyile,
kuba uThixo ukunye nĂ¢bo bamthobeleyo.
6 Nangona aminxwayo amacebo osizana,
nguNdikhoyo olixhadi lalo.
7 Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,
akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.
AbakwaYakobi baya kugcoba;
ewe, ochulumacha amaSirayeli.