Ukucela ukhuselo
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1 *Ndikhoyo, ndihlangule kubantu abagwenxa;
ndilondoloze ndingenzakaliswa zizijama-nkungwini,
2 kwabasoloko beyila amayelenqe,
behamba bephemba uchuku,
3 abalwimi zilenca njengezeenyoka,
abamilomo inobuhlungu obunjengoberhamba.
4 Ndikhoyo, ndaluse ndingabi lixhoba lezikhohlakali;
ndilondoloze ndingawi ezandleni zezijama-nkungwini
ezifutha amacebo okunditshabalalisa.
5 Izibhoxi zindimbela umhadi,
zona ziyandithiyisela zindigcayisele;
ewe, zindibekela izabatha endleleni.
6 Hoyina! Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo; ndithi:
“Wena unguThixo wam.”
Ndive, ndiyatarhuzisa, Mhlekazi.
7 Athi ke wena, Ndikhoyo, Nkosi yam,
Mandlandini andisindisayo,
wena ulixhadi lam mhla ngedabi.
8 Mayingafezeki iminqweno yezikhohlakali, Ndikhoyo;
mazibuye nembande yesikhova kumayelenqe azo.
9 Abo bandirhawulayo bayabhobhoza;
izisongelo zabo mazenzakalise kwabona.
10 Akwaba bebengabuxulwa ngamalahle avuthayo,
bahalakatsheke enzonzobileni, bangaze babuye.
11 Abaphixanisi mabangaze bahlume;
izijama-nkungwini mazonganyelwe bububi, zitshabalale.
12 Ndiyazi ukuba wena uyabalungiselela abacinezelweyo;
ewe, Ndikhoyo, uyababonelela abo bagqush’ eluthulini.
13 Ngenene amalungisa aya kukudumisa;
ewe, kaloku wona aya kuhlala nawe.