IINDUMISO 140

Ukucela ukhuselo

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.

1 *Ndikhoyo, ndihlangule kubantu abagwenxa;

ndilondoloze ndingenzakaliswa zizijama-nkungwini,

2 kwabasoloko beyila amayelenqe,

behamba bephemba uchuku,

3 abalwimi zilenca njengezeenyoka,

abamilomo inobuhlungu obunjengoberhamba.

4 Ndikhoyo, ndaluse ndingabi lixhoba lezikhohlakali;

ndilondoloze ndingawi ezandleni zezijama-nkungwini

ezifutha amacebo okunditshabalalisa.

5 Izibhoxi zindimbela umhadi,

zona ziyandithiyisela zindigcayisele;

ewe, zindibekela izabatha endleleni.

6 Hoyina! Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo; ndithi:

“Wena unguThixo wam.”

Ndive, ndiyatarhuzisa, Mhlekazi.

7 Athi ke wena, Ndikhoyo, Nkosi yam,

Mandlandini andisindisayo,

wena ulixhadi lam mhla ngedabi.

8 Mayingafezeki iminqweno yezikhohlakali, Ndikhoyo;

mazibuye nembande yesikhova kumayelenqe azo.

9 Abo bandirhawulayo bayabhobhoza;

izisongelo zabo mazenzakalise kwabona.

10 Akwaba bebengabuxulwa ngamalahle avuthayo,

bahalakatsheke enzonzobileni, bangaze babuye.

11 Abaphixanisi mabangaze bahlume;

izijama-nkungwini mazonganyelwe bububi, zitshabalale.

12 Ndiyazi ukuba wena uyabalungiselela abacinezelweyo;

ewe, Ndikhoyo, uyababonelela abo bagqush’ eluthulini.

13 Ngenene amalungisa aya kukudumisa;

ewe, kaloku wona aya kuhlala nawe.