Umthandazo wangokuhlwa
Umhobe kaDavide.
1 *Ndikhoyo, ndibhenela kuwe; nceda ndivelele.
Khawubek’ iindlebe, usabele ndakukhala.
2 Umthandazo wam mawube sisiqhumiso kuwe,
ukuphakama kwezandla zam kube ngumnikelo wamatshona.
3 Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;
imilebe yam mayihlale yalusiwe.
4 Ndenze ndikucezele ukwenza ububi,
ndingazixakekisi ngezenzo zenkohlakalo,
ndingahambisani nabantu abakhohlakeleyo.
Mandingaze ndizixhamle izimuncu-muncu zabo.
5 Noba lingandohlwaya ilungisa – yinyhweba leyo;
nokuba liyandikhalimela – yintsikelelo leyo;
ewe, andinakuphikisana nayo.
Umthandazo wam uchasene nezenzo zamatshijolo.
6 Iziphathamandla ke zophoswa emaweni;
izikhohlakali ke zona zotsho ziqonde,
zivume ukuba amazwi am afanelekile.
7 Bosuka baphoxise ke bathi:
“Kutsho kwangathi kuyakhutyelwa,
namathambo ethu nango ethe saa;
ewe, athe xhaxhe ngamangcwaba.”
8 Ke mna ndijonge enkalweni
kuwe, Ndikhoyo, Thixo wam.
Ndilangazelela ukukhuselwa nguwe;
ungandishiyi ndisesichengeni.
9 Ndihlangule kwimigibe abandibekele yona,
nakuzo izabatha zabakhohlakeleyo.
10 Abakhohlakeleyo mababanjiswe kwayimigibe yabo,
mna ke ndingabi nawo nomkrwelo.