Ukucela uncedo
Umthandazo kaDavide xa wayesemqolombeni.
1 Ndiyabhomboloza, ndizibika *kuNdikhoyo;
ndiyahlahlamba, ndibhenela kuNdikhoyo.
2 Ndiphokoza isikhalo sam phambi kwakhe;
ndimbikela zonke iingxaki zam.
3 Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam.
Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.
4 Ndakukhangela ngasekunene, akakho ozidubayo ngam;
ayikho indawo yokuzimela,
kungekho namntu undikhathaleleyo.
5 Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo;
kaloku wena uyinqaba yam,
nguwe ibango lam kweli lizwe.
6 Sibazele iindlebe isikhalo sam,
kuba kaloku ndixhwalekile.
Ndihlangule kwabo banditshutshisayo;
kaloku bona bomelele kunam.
7 Ndikhulule kula makhamandela,
ukuze ndilibonge igama lakho.
Amalungisa aya kundiphahla,
kuba wena undithamsanqele.