IINDUMISO 146

Ukubonga uThixo onguMsindisi

1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Duma ukhahlele *kuNdikhoyo, mphefumlo wam!

2 Ndiya kumbonga uNdikhoyo lo gama ndisadla ubomi;

ndiya kuhlabela indumiso,

ndibonge uThixo wam bonke ubomi bam.

3 Musa ukukholosa ngamanene;

sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.

4 Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;

ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.

5 Hay’ inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,

lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;

6 ongumenzi wamazulu nehlabathi,

ulwandle neento zonke ezilapho kulo;

yena ungajikiyo kwizithembiso zakhe;

7 umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;

umondli wâbo balambayo.

UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.

8 UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,

umphakamisi wâbo bawileyo.

UNdikhoyo ngumathand’ amalungisa.

9 UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,

umxhasi wabahlolokazi neenkedama.

Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.

10 Kambe ke yena uNdikhoyo uya kulawula naphakade,

uThixo wakho, Ziyon, kuzo zonke izizukulwana.

Siyakhahlela, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”