IINDUMISO 15

Undwendwe lukaNdikhoyo

Umhobe kaDavide.

1 *Ndikhoyo, ngubani oya kuba lundwendwe lwakho;

ingubani oya kutyelela kwakho?

2 Ngulowo uhambo ingenabala,

owenza ubulungisa,

ayithethe inyaniso engafihlisi.

3 Ngulowo unganyelisiyo,

ungamenziyo into embi uwabo,

ungamhlebiyo ummelwana wakhe.

4 Ngobadelayo abo babukulwe nguThixo,

abancome abo bamoyikayo uNdikhoyo,

ofunga angajiki noba kunyembelekile.

5 Ngongabolekisi ngemali yakhe,

ngenxa yokuba efuna inzala;

ngongekhe anyotywe ngokuthengisa umnt’ ongenatyala.

Lowo ke wenjenjalo

ngumnt’ ozinzileyo.