IINDUMISO 28

Ukucela uncedo

Umhobe kaDavide.

1 Ndizibika kuwe, *Ndikhoyo, xhadi lam;

musa ukuzenza isithulu, hleze ndifane nabeyel’ emhadini xa uthe cwaka.

2 Live ilizwi lam xa ndizibika,

xa izandla zam ndiziphakamisela kuwe ebhotwe.

3 Uzungandisingeli phantsi kunye nabantw’ abagwenxa,

abantw’ abenza okungcolileyo,

abathetha kamnandi nabamelwane, kanti bagush’ ububi.

4 Babuyekeze ngokwemisebenzi yabo,

ubohlwaye ngenxa yenkohlakalo yabo.

Bavuze ngokwezintw’ abazenzayo,

bafumane loo nto ibafaneleyo.

5 Ngenxa yokuba bengayinanzi imisebenzi kaNdikhoyo,

kwakunye nezintw’ azenzileyo,

yena wobabhubhisa baphele kuthi tu,

bangaze babuye bavuke.

6 Makabongwe uNdikhoyo,

kuba ukuvile ukutarhuzisa kwam.

7 NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;

ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.

Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,

ndimbonge ngengoma.

8 NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;

nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.

9 Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;

lithamsanqelise ilifa lakho.

Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.