Ukucela uncedo
Umhobe kaDavide.
1 Ndizibika kuwe, *Ndikhoyo, xhadi lam;
musa ukuzenza isithulu, hleze ndifane nabeyel’ emhadini xa uthe cwaka.
2 Live ilizwi lam xa ndizibika,
xa izandla zam ndiziphakamisela kuwe ebhotwe.
3 Uzungandisingeli phantsi kunye nabantw’ abagwenxa,
abantw’ abenza okungcolileyo,
abathetha kamnandi nabamelwane, kanti bagush’ ububi.
4 Babuyekeze ngokwemisebenzi yabo,
ubohlwaye ngenxa yenkohlakalo yabo.
Bavuze ngokwezintw’ abazenzayo,
bafumane loo nto ibafaneleyo.
5 Ngenxa yokuba bengayinanzi imisebenzi kaNdikhoyo,
kwakunye nezintw’ azenzileyo,
yena wobabhubhisa baphele kuthi tu,
bangaze babuye bavuke.
6 Makabongwe uNdikhoyo,
kuba ukuvile ukutarhuzisa kwam.
7 NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;
ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.
Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,
ndimbonge ngengoma.
8 NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;
nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.
9 Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;
lithamsanqelise ilifa lakho.
Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.