IINDUMISO 3

Umthandazo wokucela uncedo kusasa

Umhobe kaDavide xa wayesaba uAbhasalom unyana wakhe.

1 *Ndikhoyo, hay’ ukuba ninzi kwazo iintshaba zam!

Ewe, zindivukela zinguMbo nomXesibe.

2 Zide zithi xa zithetha ngam:

“Naloo Thixo wakhe akamhlanguli konke!”

3 Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.

Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.

4 Ndiyakhala, ndibhenele kuNdikhoyo,

andiphendule esentabeni yakhe eyodwa.

5 Ndiyaphumla, ndilale ubuthongo,

ndibuye ndivuke, kuba uNdikhoyo uyandixhasa.

6 Andiwoyiki amawaka-waka eentshaba,

naxa zindirhawule nje, zindingqonge macal’ onke.

7 Khawuphakame ume, Ndikhoyo!

Ndisindise, Thixo wam!

Kaloku nguwe ozoyisayo zonk’ iintshaba zam;

ewe, nguwe ozaphul’ iimpondo iintshaba zam.

8 Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;

khawubathamsanqele ke abantu bakho!