Umthandazo wokucela uncedo kusasa
Umhobe kaDavide xa wayesaba uAbhasalom unyana wakhe.
1 *Ndikhoyo, hay’ ukuba ninzi kwazo iintshaba zam!
Ewe, zindivukela zinguMbo nomXesibe.
2 Zide zithi xa zithetha ngam:
“Naloo Thixo wakhe akamhlanguli konke!”
3 Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.
Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.
4 Ndiyakhala, ndibhenele kuNdikhoyo,
andiphendule esentabeni yakhe eyodwa.
5 Ndiyaphumla, ndilale ubuthongo,
ndibuye ndivuke, kuba uNdikhoyo uyandixhasa.
6 Andiwoyiki amawaka-waka eentshaba,
naxa zindirhawule nje, zindingqonge macal’ onke.
7 Khawuphakame ume, Ndikhoyo!
Ndisindise, Thixo wam!
Kaloku nguwe ozoyisayo zonk’ iintshaba zam;
ewe, nguwe ozaphul’ iimpondo iintshaba zam.
8 Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
khawubathamsanqele ke abantu bakho!