IINDUMISO 32

Ukuzohlwaya nokuxolelwa

Umbongo kaDavide.

1 Hay’ uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,

abo bazono zabo zingcwatyiweyo.

2 Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,

umnt’ ongenayo konke inkohliso.

3 Ndithi ndakungasivumi isono sam,

amandla atsho andiphelele,

ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.

4 Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,

ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.

5 Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,

ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:

“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”

wandixolela wena ityala lam.

6 Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,

kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.

7 Wena uyinqaba endizifihla kuyo;

uyandikhusela xa ndisebunzimeni.

Undirhangqe ngosindiso lwakho;

ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

8 Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,

utsho uNdikhoyo,

ndikufundise, ndikujonge.

9 Mus’ ukuba sisititsi, uxel’ ihashe nembongolo,

izintw’ ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.

10 Bajongene neentsizi ezininzi abantw’ abagwenxa,

kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.

11 Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;

nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!