Ukuzohlwaya nokuxolelwa
Umbongo kaDavide.
1 Hay’ uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abo bazono zabo zingcwatyiweyo.
2 Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,
umnt’ ongenayo konke inkohliso.
3 Ndithi ndakungasivumi isono sam,
amandla atsho andiphelele,
ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.
4 Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,
ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.
5 Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam.
6 Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,
kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.
7 Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.
8 Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.
9 Mus’ ukuba sisititsi, uxel’ ihashe nembongolo,
izintw’ ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.
10 Bajongene neentsizi ezininzi abantw’ abagwenxa,
kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.
11 Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;
nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!