Umthandazo wokubulela izibele zikaNdikhoyo
Umhobe kaDavide xa wayezenza igeza phambi kuka-Abhimeleki owathi wamgxotha wemka.
1 Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa.
2 Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,
batsho bavuye abo babandezelekileyo.
3 Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;
masilidumise kunye igama lakhe.
4 Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.
5 Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;
ewe, abasayi kuze badakumbe bona.
6 Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.
7 Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.
8 Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!
9 Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,
kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.
10 Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.
11 Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;
ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.
12 Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,
lowo unga angafumana imihla emnandi,
13 makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki;
14 makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
15 Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo;
16 kodwa ubafulathele abenzi bobubi,
abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.
17 Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
18 UNdikhoyo ukufuphi nĂ¢bo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.
19 Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;
20 uwagcina onke amathambo alo,
kungaphuki nalinye kuwo.
21 Abantw’ abagwenxa bobulawa ngobubi babo,
bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.
22 UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.