Isililo somntu onomva-ndedwa
Umhobe kaDavide; kuJedutun umbhexeshi-kwayara.
1 Ndathi: “Ndiya kuzilumkela iindlela zam,
ndingoni ngokuthetha,
ndilubambe ulwimi lwam xa ndiphakathi kwamatshijolo.”
2 Ndathi cwaka, andathetha nto.
Ukuthula kwam akuncedanga nto,
kodwa noko yona inkxwaleko yathath’ unyawo.
3 Ndavalwa luvalo ndisacamanga,
ndavukwa ngumva-ndedwa,
ndavakala ndibuza ndisithi:
4 “*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bam
nenani lemihla yokuphila kwam.
Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.
5 Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;
àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;
umntu ufana nomphunga nje kuwe.
6 Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;
ubila esoma nje ngenxa yelize;
uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.
7 “Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?
Elam ithemba likuwe.
8 Ndikhulule kuzo zonke izono zam,
ndingade ndihlekwe nazizidenge.
9 Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,
kuba nguwe ondifake kule meko.
10 Mus’ ukuba sandohlwaya;
mus’ ukundinkula ndide ndenzakale.
11 Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.
Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.
Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.
12 “Ndikhoyo, wubazel’ iindlebe umthandazo wam;
ndive, ndakuzibika kuwe.
Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
kuba ndiselugcinweni lwakho,
nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
13 Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,
ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”