IINDUMISO 48

Isixeko sikaThixo iZiyon

Ingoma; umhobe woonyana bakwaKora.

1 *UNdikhoyo mkhulu kakhulu;

masimbonge simdumise,

esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2 Ngamalengalenga, ikwayinzwakazi,

izisa imihlali kwihlabathi jikelele.

Ewe, leyo yiNtaba iZiyon.

Emantla emalandalahla

silaph’ isixeko sengangalala yokumkani.

3 Kanye kwezo zakhiwo zinendili uThixo uzibalule,

yena nqaba ingafikelelwayo.

4 Nâzo izikumkani zihlanganisana;

nâzo zidibana zimanyana.

5 Kambe zithe zakuyalama, zasuka zamangaliswa,

zasuka zankwantya, zasaba zingabhungisanga.

6 Ngoko nangoko zahlaselwa kukungcangcazela,

zatsho zazibhija-bhija njengonenimba.

7 Iinqanawa zaseTashishe

wena wazintlitha ngomoya wasempuma.

8 Sivile, futhi ngoku sizibonele

esixekweni sikaNdikhoyo uSomandla.

Nditsho isixeko sikaThixo wethu,

isixeko asizinzise unaphakade uThixo.

9 Phakathi endlwini yakho, Thixo,

siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.

10 Ukudunyiswa kwakho, Thixo,

kukwanjengegama lakho,

kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

Ulawulo lwakho lunobulungisa.

11 Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;

mazidlokove izixeko zelakwaJuda.

Kaloku kulungile ukugweba kwakho.

12 Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;

zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.

13 Ewe, zigqaleni iindonga zayo.

Khanizihlole izakhiwo zayo,

ukuze nibalisele izizukulwana.

14 Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.

Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.