IINDUMISO 52

Ukugweba nokubabala kukaThixo

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide, ngexesha uDowegi umEdom exelela uSawule ukuba uDavide usemzini ka-Ahimeleki.

1 Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,

usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?

2 Usoloko uzungula ukutshabalalisa.

Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!

Uhlala uyila ubutshijolo.

3 Uthanda okubi kunokulungileyo;

uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.

4 Hayi ke bethu umntu onolwini!

Uyakuthanda ukuphixanisa.

5 Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;

uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;

uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.

6 Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:

7 “Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,

owasuka wakholosa ngobutyebi,

waphumelela ngobutshijolo!”

8 Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;

ndihlala phakathi endlwini kaThixo.

Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;

kuya kude kube ngunaphakade.

9 Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.

Ndithembele kuwe kuba ulungile.

Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.