Abakhohlakeleyo
Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide; iculo lokukhuza.
1 Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.
Zonakele, futhi zenza amasikizi;
akukho ulungisayo kuzo.
2 Ke yena uThixo ubabukele abantu;
uhlel’ ezulwini efuna ukuqonda
ukuba ngaba sikho na isilumko,
nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3 Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;
kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.
4 Abanangqondo na abakhohlakeleyo,
abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,
bengamnquli nokumnqula uThixo?
5 Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.
Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.
Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.
6 Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli!
Akuba uThixo eyibuyisele inkqubela yabantu bakhe,
abakwaYakobi baya kugcoba, achulumache amaSirayeli.