Ukuthembela kuThixo
Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekubanjweni kwakhe ngamaFilistiya eGati.
Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ihobe lamahlathi akude.”
1 Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;
maxa onke ziyanditshutshisa.
2 Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;
yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.
3 Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
4 UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.
5 Iintshaba zam ziyaphixanisa;
zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.
6 Ziphum’ izithuba, ziyandilalela;
zithene mbende nam.
Kaloku ziyandizungula.
7 Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;
ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.
8 Uyakubona ukubhadula kwam,
neenyembezi zam uyazibona.
Kaloku uyazibhala ezi zinto.
9 Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.
Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.
10 UThixo olizwi ndilidumisayo,
*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,
11 ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.
12 Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,
ndenze umbingelelo wokukubulela;
13 kuba undihlangule ekufeni,
undisindise ekoyisweni,
ukuze ndibe phambi koThixo,
ndidle ubomi njalo-njalo.