Ukutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo
Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide. Luculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Uze ungatshabalalisi.”
1 Ngaba anikhethi buso na kodwa,
nina balawuli, xa nilawulayo?
Anibalamli ngegobe kodwa abantu?
2 Hayi bo! Niyila inkohlakalo;
kweli hlabathi naba ugonyamelo.
3 Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;
ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.
4 Banobuhlungu njengeenyoka;
banjengenyushu ezenza isithulu,
5 ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;
ubuqili benkintsela bungasebenzi.
6 Khawubaphule loo mazinyo, Thixo;
wafohloze amabamba engonyama, *Ndikhoyo.
7 Mabaphel’ emehlweni, baxel’ amanzi ehamba ngomsele.
Mabajolise ngeentolo ezibuthuntu.
8 Mabanyibilike, baxel’ inkumba.
Mabaxel’ imva-mbilini ejik’ endleleni.
9 Imbiza ingekawuva umlilo,
noba wokhekile, noba awokhekanga,
izikhohlakali ziqweqwediswa zingabi sabonakala.
10 Ke lona ilungisa liya kugcoba lisakuyibona le mpindezelo;
liya kugxampuza egazini labakhohlakeleyo.
11 Abantu baya kutsho bathi:
“Kuthe kanti kuneziqhamo ukuba lilungisa;
ngenene ukho uThixo olilawulayo ihlabathi.”