IINDUMISO 60

Ukucela ukuhlangulwa

Kumbhexeshi-kwayara, ingoma yokufundisa. Sisililo sikaDavide ngokuya wayesilwa nama-Aram aseMesopotami, kunye nama-Aram aseZobha, waza uJowabhi wawadudula wabulala amaEdom alishumi elinambini lamawaka kwiNtlambo yeTyuwa.

Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyibiba.”

1 Awu, Thixo, usilahlile!

Ngoku sitsho soyisakala.

Wena usivelele ngomsindo.

Nceda, khawube nebuyambo.

2 Wena uwunyikimisile umhlaba;

wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.

Nceda ungcibe ezo ntanda.

3 Abantu bakho ubavise inkxwaleko;

ewe, usitsho sazizinxada-nxada.

4 Ubanike intshinga abakuhlonelayo;

ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.

5 Nceda ngamandla akho usivelele,

ukuze basinde abo ubathandayo.

6 UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,

wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,

ngoloyiso ndiyayihlahlela;

intili yeSukoti yona ndiyibenge.

7 IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.

UEfrayim lelona xhadi lam;

uJuda ngumsimbithi wam.

8 UMowabhi yintili yam yebhongo;

ke yena uEdom ndiyambanga.

EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”

9 Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?

Ngubani onokundisa e-Edom?

10 Noko usilahlile, Thixo.

Awusaphumi nemikhosi yethu.

11 Sincedise ezintshabeni zethu:

kaloku olomntu uncedo luphuthile.

12 Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;

uya kuzinyhasha iintshaba zethu.