Ukukholosa ngokukhuselwa nguThixo
Kumbhexeshi-kwayara uJedutun; umhobe kaDavide.
1 Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo.
2 Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.
3 Koda kube nini nimhlasela umntu,
ninxanel’ igazi lakhe,
noba enjengodonga olukekeleyo,
enqwa nothango oluwayo?
4 Nizungula ukumbhukuqa awe;
niqhayisa ngokuxoka.
Ngomlomo niyathamsanqelisa,
ukanti niyaqalekisa ngaphakathi.
5 Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ithemba lam.
6 Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.
7 Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.
8 Maxa onke thembelani kuye, bantundini,
nizityand’ igila kuye;
kaloku uThixo yinqaba yethu.
9 Abantu bafana nomphunga.
Umntu yinto engento yanto.
Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;
hayi, kubhetele kwaphepha.
10 Musa ukuqamela ngezigalo;
musa ukuthembela ekuphangeni.
Noba bungade bufumbe ubutyebi,
wena musa ukuqamela ngabo.
11 Nto zimbini azithethileyo uThixo:
Le yokuba amandla ngawakhe,
12 nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.
Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.