IINDUMISO 62

Ukukholosa ngokukhuselwa nguThixo

Kumbhexeshi-kwayara uJedutun; umhobe kaDavide.

1 Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2 Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

3 Koda kube nini nimhlasela umntu,

ninxanel’ igazi lakhe,

noba enjengodonga olukekeleyo,

enqwa nothango oluwayo?

4 Nizungula ukumbhukuqa awe;

niqhayisa ngokuxoka.

Ngomlomo niyathamsanqelisa,

ukanti niyaqalekisa ngaphakathi.

5 Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ithemba lam.

6 Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

7 Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.

UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

8 Maxa onke thembelani kuye, bantundini,

nizityand’ igila kuye;

kaloku uThixo yinqaba yethu.

9 Abantu bafana nomphunga.

Umntu yinto engento yanto.

Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;

hayi, kubhetele kwaphepha.

10 Musa ukuqamela ngezigalo;

musa ukuthembela ekuphangeni.

Noba bungade bufumbe ubutyebi,

wena musa ukuqamela ngabo.

11 Nto zimbini azithethileyo uThixo:

Le yokuba amandla ngawakhe,

12 nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.

Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,

umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.