IINDUMISO 67

Elokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo; ukhatshwa ziintambula.

1 Ngamana wanesisa wasithamsanqelisa, Thixo!

Ewe, ngamana ungenza kube hele kube chosi kuthi,

2 ukuze yaziwe intando yakho emhlabeni,

izizwe ziluxhamle usindiso lwakho.

3 Zonk’ iintlanga mazikubonge, Thixo;

bonk’ abantu mabakudumise.

4 Mazidanduluk’ izizwe zicule ngemincili,

kuba wena ulawula ngobulungisa,

zaluswa nguwe zonk’ izizwe.

5 Zonk’ iintlanga mazikubonge, Thixo;

bonk’ abantu mabakudumise.

6 Ilizwe liphuphum’ indyebo.

UThixo usithamsanqele; nditsho uThixo wethu.

7 Ngenene uThixo uyasithamsanqela;

ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.