IINDUMISO 75

UThixo umgwebi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; liculwa ngathi leliya lithi: “Uze ungatshabalalisi.”

1 Ngxatsho ke, siyakubulela, Thixo!

Siyalibabaza igama lakho

ngenxa yemisebenzi yakho emangalisayo.

2 “Ngexesha endilimisileyo

ndiya kugweba ndingakhethi buso.

3 Lakuhexa ihlabathi nabemi balo

iintsika zalo zomelezwa ndim.

4 Kwabazingcayo ndithi: ‘Kahleni ngamabhongo.’

Kwizikhohlakali ndithi: ‘Sanukuqholosa.’

5 Yahlukanani nokuzigqatsa;

kuyekeni ukubhobhoza.”

6 Unyuselo aluveli empuma nasentshona,

lungaveli nasentlango.

7 Kaloku nguThixo ogwebayo:

uyamthoba lo, amnyuse lowa.

8 *UNdikhoyo uphethe indebe ngesandla,

iphuphuma ingqumbo ebilayo;

ubarhabulisa kuyo abagwenxa,

boyisela bafince nentlenge.

9 Kodwa ndohlala ndimncoma njalo-njalo;

ndiya kumemelela ndibonga uThixo kaYakobi.

10 Abagwenxa ndiya kubaphul’ iimpondo;

ndiluphakamis’ uphondo lwamalungisa.