IINDUMISO 76

UThixo umrhwaqelisi wezikumkani

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; likhatshwa ngezeengcingo.

1 UThixo uyaziwa kwaJuda;

igama lakhe lidumile kwaSirayeli.

2 IseJerusalem indlu yakhe;

ikhaya lakhe liseZiyon.

3 Wazikroboza iintolo namakhakha,

amakrele nezikrweqe zemfazwe.

4 Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,

ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.

5 Amagorha uwahluthe amaxhoba;

amajoni alala undolala,

akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.

6 Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,

amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.

7 Awu, uyamangalisa kambe!

Ngubani onokujongana nawe

wakuvutha umsindo wakho?

8 Wena wagweba usemazulwini,

ihlabathi latsho lakhwankqiswa.

9 Ngokuya wena wawisa isigwebo

sokusindisa abacinezelwa behlabathi.

10 Ngenene ngomsindo wakho uyadunyiswa;

abasindileyo kuwo bayayaleka.

11 Zifezekiseni izithembiso zenu *kuNdikhoyo uThixo;

abamngqongileyo mabezise izithabathaba

barhume kulowo ufanele ukoyikwa,

12 kulowo unqamla umoya wamatshawe,

ewe, kumrhwaqelisi wezikumkani zehlabathi.