UThixo umrhwaqelisi wezikumkani
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; likhatshwa ngezeengcingo.
1 UThixo uyaziwa kwaJuda;
igama lakhe lidumile kwaSirayeli.
2 IseJerusalem indlu yakhe;
ikhaya lakhe liseZiyon.
3 Wazikroboza iintolo namakhakha,
amakrele nezikrweqe zemfazwe.
4 Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,
ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.
5 Amagorha uwahluthe amaxhoba;
amajoni alala undolala,
akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.
6 Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,
amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.
7 Awu, uyamangalisa kambe!
Ngubani onokujongana nawe
wakuvutha umsindo wakho?
8 Wena wagweba usemazulwini,
ihlabathi latsho lakhwankqiswa.
9 Ngokuya wena wawisa isigwebo
sokusindisa abacinezelwa behlabathi.
10 Ngenene ngomsindo wakho uyadunyiswa;
abasindileyo kuwo bayayaleka.
11 Zifezekiseni izithembiso zenu *kuNdikhoyo uThixo;
abamngqongileyo mabezise izithabathaba
barhume kulowo ufanele ukoyikwa,
12 kulowo unqamla umoya wamatshawe,
ewe, kumrhwaqelisi wezikumkani zehlabathi.