IINDUMISO 82

UThixo ulawula konke

Umhobe oculwayo ka-Asafu.

1 UThixo uchophele intlanganiso *yoothixo;

nguye olawulayo koothixo bonke;

2 uthi: “Kunini nilawula ngegobe,

nibabonelela abakhohlakeleyo!

3 Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,

nibonelele iintsizana namahlwempu.

4 Khanikhulule abahlelelekileyo nama-athalala;

bahlanguleni abagonyamelwa zizikhohlakali.

5 “Basemnyameni ombode-mbode;

bayafathula njengempumputhela,

nangona lona ihlabathi lizama-zama.

6 Ndithi: Ewe kambe, ningoothixo;

nonke ningoonyana bakaPhezukonke.

7 Kambe ke niya kufa njengamntu wonke,

nibhange njengamatshawe.”

8 Awu, Thixo, khawulingenele ngomgwebo ihlabathi;

andithi kaloku zonke izizwe zisesandleni sakho!