IINDUMISO 86

Ukuzibika

Umthandazo kaDavide.

1 Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;

kaloku mna ndiyimpula kalujaca.

2 Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;

sihlangule isicaka esikholosa ngawe.

3 UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.

Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.

4 Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.

Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.

5 Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;

uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

6 Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;

khawundivele, ndiyakubongoza.

7 Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,

kuba wena uyavelana nam.

8 Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,

engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

9 Zonke izizwe owazidalayo

ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,

zibonga zibabaza igama lakho.

10 Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;

ewe, nguwe wedwa uThixo.

11 Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,

khon’ ukuze ndinamathele enyanisweni.

Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;

ndikunqule ndingankwalambisi.

12 Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;

Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,

13 kuba ziyandimangalisa izibele zakho;

undihlangule enzonzobileni yengcwaba.

14 Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.

Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;

zona azikukhathalele nganto.

15 Kambe ke wena, Nkosi,

unguThixo onenceba nesisa.

Wena ucaphuka kade,

uphuphuma uthando nokunyaniseka.

16 Buya uvelane nam;

khawusomeleze isicaka sakho,

umhlangule unyana wesicakazana sakho.

17 Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,

ukuze abandithiyileyo babone badane,

kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.