Izibongo zeJerusalem
Iculo elingumhobe woonyana bakaKora.
1 *UNdikhoyo wasithi zinzi isixeko sakhe
phezu kwentaba engcwele.
2 Ewe, yena akaziva ngeZiyon;
ingaphezu kwayo yonke imizi yakwaYakobi.
3 Ewe, kuthethwa kamnandi ngawe, Ziyon, sixeko sikaThixo:
4 “Phakathi kwabo bandaziyo ndibalula iJiputa neBhabheli;
ewe, amaFilistiya, amaTire, namaKushe,
xa ewonke aphuma eJerusalem.”
5 IZiyon kuya kuthiwa ngunozala wezizwe zonke,
kuba uPhezukonke uyayixhasa.
6 Akuzidwelisa zonke izizwe uNdikhoyo,
xa zizonke zoba ngabemi baseJerusalem.
7 Iimvumi nabangqungqayo baya kuthi:
“Thina singabomthonyama.”