UThixo ukumkani
1 *UNdikhoyo ungukumkani;
uthe wambu isihomo nesithozela namandla.
Ewe, ulimise zinzi ihlabathi, aligungqi.
2 Isihlalo sakho, Ndikhoyo,
sasekwa kwantlandlolo;
wena wawukho kwanini-nini.
3 Iyagquma imilambo, Ndikhoyo,
ivakalisa isandi sayo;
iyavakala imigqumo yayo.
4 UNdikhoyo yingangalala yaphezulu;
unamandla kunamaza alephuzayo,
nangaphezu kwamaza agqumayo.
5 Imiqondiso yakho ayiguquki, Ndikhoyo;
iyingcwele ngenene indlu yakho, Ndikhoyo,
kuya kuda kube nini-nini.