Ingoma yokubonga
1 Yizani sombelele *uNdikhoyo,
simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!
2 Masiye kuye sinombulelo,
simombelele iingoma zokubonga.
3 Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,
ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.
4 Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;
iinzulu neencopho zilawulwa nguye.
5 Ulawula ulwandle kuba walwenza;
nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.
6 Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,
7 kuba yena nguThixo wethu.
Thina singumhlambi awalusayo,
iigusha ezondliwa nguye.
Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:
8 “Musan’ ukuba neenkani,njengookhokho benu eMeribha,
njengemihla yaseMasa entlango,
9 apho bandilingayo,
naxa babezibona izinto endandibenzela zona.
10 Iminyaka emashumi mane bandikruqula,
ndada ndathi: ‘Hay’ ukungeva kwabo;
abayithobeli imiyalelo yam.’
11 Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:
‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”