IINDUMISO 96

IKumkani yeekumkani

1 Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!

Mombelel’ uNdikhoyo, hlabathi lonke!

2 Mombelelen’ uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;

zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.

3 Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;

zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.

4 Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;

ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,

5 kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,

kodwa yena uNdikhoyo wadal’ oomazulu.

6 Yena unobungangamsha nesithozela;

kukho isihomo nendili apho akhoyo.

7 Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;

mbongeni kuba unewonga namagunya.

8 Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;

sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.

9 Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;

malingcangcazele lonk’ ihlabathi phambi kwakhe.

10 Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;

nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;

nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.

11 Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;

gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;

12 makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;

mayombele imithi emahlathini;

13 kuba uyeza uNdikhoyo;

uza kuligweba ihlabathi,

alilawule ngobulungisa,

azigwebe ngokomthetho izizwe.