IINDUMISO 97

UThixo ulawula konke

1 Ngukumkani *uNdikhoyo, uyalawula;

malichwayite ke ngoko ihlabathi, nani ziqithi vuyani!

2 Ugqubuthele ngentshinyela yelifu,

nesithokothoko sobumnyama simsithile;

ngukumkani ogweba kakuhle, ngobulungisa.

3 Kulephuz’ umlilo ngaphambi kwakhe,

uzitshise macal’ onke iintshaba zakhe.

4 Imibane yakhe imenyezela kutsho kukhany’ ehlabathini;

batsho bangcangcazele kukoyika bakuyibon’ abemi balo.

5 Zitsho zinyibilik’ iintaba phambi koNdikhoyo, zixel’ umthwebeba;

nditheth’ ingangalala yehlabathi liphela.

6 Sibonakalis’ ubulungisa bakhe isibhakabhaka,

ze zonk’ iintlanga ziluqond’ udumo lwakhe.

7 Bahlala bedana bonk’ abanqula imifanekiso;

nditshw’ abo baqhayisa ngemifanekiso eqingqiweyo;

kuba zonk’ *izithixo zikhahlela kuNdikhoyo.

8 Beva, bavuya abantu baseZiyon,

nezixeko zakwaJuda zachwayita,

ngenxa yezigqibo zakho, Thixo.

9 Kuba wena, Ndikhoyo, uyingangalal’ ehlabathini;

uyingqonyela yazo zonke izithixo.

10 Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;

kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,

abahlangule esandleni sabantw’ abakhohlakeleyo.

11 Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;

banemincili abantw’ abantliziyo zinyulu.

12 Gcobani nonke malungisa,

nibulel’ uNdikhoyo ngezintw’ ezintl’ anenzele zona.