UThixo ingqonyela yehlabathi
Umhobe.
1 Mombelelen’ ingoma entsha *uNdikhoyo,
kuba unenzele izinto ezintle.
Kaloku woyisile ngamandla akhe nangegunya lakhe.
2 UNdikhoyo ulutyhilile usindiso lwakhe,
wabuveza ezintlangeni ubulungisa bakhe.
3 Wasigcina isithembiso sakhe kumaSirayeli.
Uthe ngcembe ngezibele nangentembeko;
lwabonwa ngumntu wonk’ ehlabathini uloyiso lukaThixo wethu.
4 Mombeleleni ngemihlali uNdikhoyo, nonke hlabathi!
Dandulukani, nimemelele, nivum’ imibongo!
5 Mbongeni uNdikhoyo ngesandi sengoma yehapu;
mbethelen’ uncuthu lwengoma ngehapu.
6 Bethan’ amaxilongo, kukhal’ isigodlo,
nenz’ intshol’ emnandi phambi koNdikhoyo ukumkani.
7 Gquma, wena lwandle, nako konk’ okukuwe;
nawe hlabathi, hlabel’ ingoma!
8 Bethan’ izandla, milambo;
nani zinduli, mombelelen’ uNdikhoyo!
9 Kuba uza kuligweb’ ihlabathi,
alawule konke ngobulungisa, engenamkhethe.