IINDUMISO 98

UThixo ingqonyela yehlabathi

Umhobe.

1 Mombelelen’ ingoma entsha *uNdikhoyo,

kuba unenzele izinto ezintle.

Kaloku woyisile ngamandla akhe nangegunya lakhe.

2 UNdikhoyo ulutyhilile usindiso lwakhe,

wabuveza ezintlangeni ubulungisa bakhe.

3 Wasigcina isithembiso sakhe kumaSirayeli.

Uthe ngcembe ngezibele nangentembeko;

lwabonwa ngumntu wonk’ ehlabathini uloyiso lukaThixo wethu.

4 Mombeleleni ngemihlali uNdikhoyo, nonke hlabathi!

Dandulukani, nimemelele, nivum’ imibongo!

5 Mbongeni uNdikhoyo ngesandi sengoma yehapu;

mbethelen’ uncuthu lwengoma ngehapu.

6 Bethan’ amaxilongo, kukhal’ isigodlo,

nenz’ intshol’ emnandi phambi koNdikhoyo ukumkani.

7 Gquma, wena lwandle, nako konk’ okukuwe;

nawe hlabathi, hlabel’ ingoma!

8 Bethan’ izandla, milambo;

nani zinduli, mombelelen’ uNdikhoyo!

9 Kuba uza kuligweb’ ihlabathi,

alawule konke ngobulungisa, engenamkhethe.