ISITYHILELO 12

Umfazi negongqongqo

1 Kwavela umqondiso ocacileyo esibhakabhakeni – umfazi wayambethe ilanga, inyanga isezinyaweni zakhe, nesithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini simthe jize intloko.

2 Wayekhulelwe, ekhala ziintlungu zokubeleka.

3 Kuvele omnye umqondiso esibhakabhakeni. Kuthe gqi igongqongqo elibomvu krwe. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi;linezithsaba ezisixhenxe kwezo ntloko.

4 Umsila walo wavuthulula isiqingatha sesithathu seenkwenkwezi, waziwisela phantsi emhlabeni.Igongqongqo lema ngaphambi kwalo mfazi wayeza kubeleka, ukuze luluthi bimbilili usana olo xa luvelayo.

5 Umfazi lowo wazala umntwana oyinkwenkwe,owayemiselwe ukuzilawula ngegunya elingqongqo zonke iintlanga.Kodwa olo sana lwathiwa xhwi lwasiwa ewongeni kuThixo ohleli kwibhotwe lakhe.

6 Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.

7 Kwabakho idabi ezulwini. UMikayelinezithunywa zakhe balihlasela igongqongqo. Lazilwela nalo kunye nezithunywa zalo.

8 Kodwa loyiswa, laza laphelelwa yindawo ezulwini.

9 Ke igongqongqo – inyoka endalaeyakhohlisa uluntu luphela, uSathana, umtyholi – laphoswa ezantsi emhlabenikunye nezithunywa zalo.

10 Kuvakele ilizwi lidanduluka livela ezulwini lisithi: “Luthwasile ngoku uloyiso negunya nolawulo lukaThixo wethu. Lithwasile ngoku igunya lomthanjiswa wakhe uKrestu. Kaloku umtyholi lo wayesoloko ewamangalela ubusuku nemini amawethuphambi kukaThixo wethu, ukhutshelwe ngaphandle ezulwini.”

11 Bamoyisile ngamandla edini leXhwane nangenyaniso kaThixo ebebekade beyingqinela, bengoyiki ukububeka esichengeni ubomi babo.

12 Memelelani ke ngoko, mazulu kwakunye nabo bahlala khona! Kodwa, hayi ishwangusha elisemhlabeni naselwandle! Kaloku umtyholi uze kuzo egragrama ngumsindo, kuba uyazi ukuba selephelelwe lixesha.

13 Lithe igongqongqo lakuqonda ukuba lilahlelwe emhlabeni, laphuthuma kulaa mfazi wayezele umntwana oyinkwenkwe.

14 Kodwa wayenikwe amaphiko afana nawokhozi umfazi, ukuze abhabhele entlango apho wayeza kugcinakala khona iminyaka emithathu enesiqingathaengenakuhlaselwa ligongqongqo, inyoka endala.

15 Ke lona igongqongqo, inyoka leyo, lahlanza umlambo wamanzi emva komfazi lowo ukuze akhukuliswe.

16 Suka umhlaba wona wamnceda umfazi. Wavuleka, wawaginya loo manzi ayephume kwelo gongqongqo.

17 Lamxhiba umfazi, lahamba laya kusikhuphela kwinzala yakhe eso sixhiba, engabo bonke abo bathobela imithetho kaThixo, bebambelele kwiimfundiso zikaYesu.

18 Lafana lee nkamalala apho elunxwemeni igongqongqo.