ISITYHILELO 15

Ingoma yabakhululekileyo

1 Ndiphinde ndabona umqondiso ocacileyo nomangalisayo esibhakabhakeni. Izithunywa ezisixhenxe zezisa ezokugqibela izibetho ezisixhenxe. Kaloku yayiza kufezekiswa ngazo ingqumbo kaThixo.

2 Kwaba ngathi ndibona ulwandle olusabuglasi, luxutywe nomlilo. Kwakumi ngakulo abo babequbisene nerhamncwa baza boyisa, baphikisana nomfanekiso walo, ngokunjalo nenani legama lalo. Bonke babephethe iihapu,

3 bevuma ingoma kaMosisisicaka sikaThixo neXhwane, besithi:

“Mikhulu iyamangalisa imisebenzi yakho,

Nkosi, Thixo Somandla!

Zilungile, ziyinyaniso iindlela zakho,

Kumkani weentlanga zonke!

4 Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?

Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.

Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,

kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”

Izithunywa nezibetho zokugqibela

5 Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo,sivuleka ezulwini.

6 Kwaphuma kuso izithunywa ezisixhenxe zezibetho ezisixhenxe, zivathe ezimhlophe zelinen, zibhinqe ngeebhanti zegolide.

7 Esinye sezilwanyana ezine sazinika izithunywa ezisixhenxe izitya zegolide ezalatha ukuba yayiseligcwel’ ibhekile yingqumbo kaThixo ohlal’ ehleli.

8 *Indlu kaThixo yayiqhuma ilitsili ngumsiwesihomo namandla kaThixo. Akuzange kubekho mntu waba nakungena, zada zaba zigqithile izibetho ezisixhenxe zezithunywa ezisixhenxe.