Ingoma yabakhululekileyo
1 Ndiphinde ndabona umqondiso ocacileyo nomangalisayo esibhakabhakeni. Izithunywa ezisixhenxe zezisa ezokugqibela izibetho ezisixhenxe. Kaloku yayiza kufezekiswa ngazo ingqumbo kaThixo.
2 Kwaba ngathi ndibona ulwandle olusabuglasi, luxutywe nomlilo. Kwakumi ngakulo abo babequbisene nerhamncwa baza boyisa, baphikisana nomfanekiso walo, ngokunjalo nenani legama lalo. Bonke babephethe iihapu,
3 bevuma ingoma kaMosisisicaka sikaThixo neXhwane, besithi:
“Mikhulu iyamangalisa imisebenzi yakho,
Nkosi, Thixo Somandla!
Zilungile, ziyinyaniso iindlela zakho,
Kumkani weentlanga zonke!
4 Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?
Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.
Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,
kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”
Izithunywa nezibetho zokugqibela
5 Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo,sivuleka ezulwini.
6 Kwaphuma kuso izithunywa ezisixhenxe zezibetho ezisixhenxe, zivathe ezimhlophe zelinen, zibhinqe ngeebhanti zegolide.
7 Esinye sezilwanyana ezine sazinika izithunywa ezisixhenxe izitya zegolide ezalatha ukuba yayiseligcwel’ ibhekile yingqumbo kaThixo ohlal’ ehleli.
8 *Indlu kaThixo yayiqhuma ilitsili ngumsiwesihomo namandla kaThixo. Akuzange kubekho mntu waba nakungena, zada zaba zigqithile izibetho ezisixhenxe zezithunywa ezisixhenxe.