1 Isithunywa eso sandibonisa umlambo onamanzi obomi ebengezela okweglasi.Ayempompoza evela kwibhotwe likaThixo kunye neXhwane.
2 La manzi ayesihla phakathi kwisitalato sesixeko eso. Lo mlambo wawuphahlwe ngumthi wobomi.Lo mthi uvelisa iziqhamo ngazo zonke iinyanga zonyaka. Amagqabi alo mthi ayimpilo yezizwe.
3 Nayiphi na into eqalekisiweyo ayisayi kubakho apho.
Into ekhoyo apho libhotwe likaThixo kunye neXhwane. Izicaka zakhe ziya kuphithizela zimkhonza.
4 Ziya kujongana naye ebusweni, zinegama lakhe ebunzi.
5 Akusayi kubakho busuku khona; kungasayi kubakho mfuneko yasibane nalanga. Kaloku iNkosi uThixo uya kuzikhanyisela.Ziya kuxhamla ulawulo ngonaphakade kanaphakade.
Ukubuya kukaYesu
6 Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi,wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.”
7 “Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!”
8 Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela.
9 Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.”
10 Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
11 Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.
12 “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhasongokwemisebenzi yakhe!
13 Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z;ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela,ndikwasisiqalo nesiphelo.”
14 Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi;baya kungena ngamasango esixekweni.
15 Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.
16 “Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide,ikhwezi lokusa.”
17 UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza”
Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!”
Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo.
Isiphetho
18 Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi.
19 Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula,uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi.
20 Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!
21 Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.