ISITYHILELO 4

Umbono wezulu

1 Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.”

2 Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi.

3 Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo.Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo.

4 Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide.

5 Apho esihlalweni sobukhosi kwakutshawuza imibane, kugragrama iindudumo.Kwakukho nezibane ezisixhenxe ezivuthayophambi kwaso, ezingooMoya abasixhenxe bakaThixo.

6 Kwakukho nento eyayingathi lulwandle lweglasi, ithe thebelele apho ngasesihlalweni, icwenge ngathi ngumkhenkce.

Esazulwini apho, kanye ngasesihlalweni, kwakuhleli izilwanyana ezine zinamehlo macala onke, zingqonge isihlalo eso kanye.

7 Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela.

8 Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha.Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi:

“Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele,

Nkosi Thixo Somandla,

wena ubukade ukho,

wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”

9 Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula,

10 wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:

11 “Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;

imbeko negunya zezakho!

Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;

zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”