1 Umntu uyazenza izicwangciso,
kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.
2 Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,
kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.
3 Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.
4 UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;
ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.
5 UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;
ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.
6 Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;
ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.
7 Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntu
neentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.
8 Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo
kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.
9 Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
10 Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;
umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.
11 UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;
ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.
12 Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;
kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.
13 Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;
ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.
14 Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;
ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.
15 Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;
ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.
16 Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.
17 Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;
ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.
18 Ikratshi lilandelwa yimbubho;
ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.
19 Akunani kwaukugqush’ eluthulini nabahlelelekileyo
kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.
20 Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
21 Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;
ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.
22 Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;
kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.
23 Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;
intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.
24 Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.
25 Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
26 Indlala imenza umntu ukuba asebenze;
ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.
27 Itshijolo lihlala liqingqa ububi;
kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.
28 Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.
29 Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,
imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.
30 Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;
ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.
31 Izimvi sisithsaba sobuhandiba;
zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.
32 Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
33 Abantu basenokulenza *iqashiso,
kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.